IKhowudi yeeNqobo eziseSikweni yeNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika
Ubupolisa beenqobo ezisesikweni bubanga ukuba, njengabasebenzi beNkonzo yobuPolis boMzantsi Afrika, sisebenze ngesidima nangentloniphi ekungafanini kwabantu kunye nomthetho, ngokwenza koko ke sibe sikhulisa inkonzo egqwesileyo ngendlela efumanisa ngokubuza ukwamkelwa nguwonke-wonke.
Siya kuyenza imisebenzi yethu ngokungqinelana nemithetho-siseko yeenqobo ezisesikweni emihlanu:
Isidima
Ukusebenza: Abasebenzi be-SAPS bayithatha inyaniso njengeyona nto ibaluleke kakhulu
Inkcazelo: Thina, njengabasebenzi be-SAPS, siya kuqhuba sizamela ukuxhasa injongo, iinqobo ezisemgangathweni, kunye nemithetho-siseko yeenqobo ezisesikweni kunye nemigangatho ye-SAPS. Ukuziphatha kwethu kuyakuvumelana nezi nqobo zisemgangathweni. Siyakusebenza ngentembeko kunye nemfanelo kwiimeko zonke. Siyakusoloko sixela inyaniso, siyenze ngokubalaseleyo imisebenzi yethu, kwaye sense umzekelo kuluntu esilusebenzelayo.
Ukuhlonipha ukungafani
Ukusebenza: Abasebenzi be-SAPS bayakuqonda ukungafani kwabantu belizwe lethu, kwaye baphatha bonke abantu ngentlonipho elinganayo.
Inkcazelo: Ekwenzeni imisebenzi yethu siyakuhlala sibonisa intlonipho yenyaniso yokuba uluntu alufani, ngokwenkcubeko okanye ngenye indlela. Siyakumphatha ngentlonipho elinganayo umntu ngamnye, kwaye sinike imbeko kumalungelo abo njengabemi boMzantsi Afrika. Asiyi kucalula ngokungekho mthethweni naye nawuphi na umntu.
Intobeko kumthetho
Ukusebenza: Abasebenzi be-SAPS bahlonela kwaye bagcina umthetho ngawo onke amaxa.
Inkcazelo: Imisebenzi yethu kakhulu ibandakanya ukunyanzela umthetho, kwaye ngale ndlela siyakusoloko sihleli kumthetho kunye noMgaqosiseko welizwe lethu. Ngayo nayiphi na indlela, siyakukuphepha nakuphi na ukuziphatha okunokusenza ukuba sibe ngabanyhashi bomthetho. Siyakuhlala sibakhusela abemi boMzantsi Afrika kwizenzo ezingekho mthethweni.
Ukugqwesa kwenkonzo
Inkcazelo: Siyakuyenza imisebenzi yethu ngokona kuba nako kwethu kungcono, ngawo onke amaxa. Ukuziphatha kwethu kuyakuba nophawu lobuchule. Ukuziphatha kunye nembonakalo yethu iya kuba bubungqina bokuzibophelela kwethu kwinkonzo egqwesileyo.
Ukwamkelwa luluntu
Inkcazelo: Siyakusebenzela owona mdla woluntu, kwaye kuzo zonke iinzame zethu zokugcina umthetho, sifune ukwamkelwa luluntu xa lulonke.
